1. *UNdikhoyo wathi kuMosis:
2. “Xelela amaSirayeli abakhuphele ngaphandle bonke abantu abanesifo solusu esisulelayo, nabophayo, noba *ngabanomlaza kukuphatha isidumbu.
3. Bonke *abagqwaliseke ngolu hlobo mabakhutshelwe ngaphandle kwelali apho nam ndihlala kunye nawo.”
4. Ngenene ke amaSirayeli ayenza le nto, abakhuphela phandle bonke abo bantu, njengoko uNdikhoyo wayalela uMosis.
5. *UNdikhoyo wanika uMosis
6. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye,
7. makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo.
8. Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala.
9. Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli.
10. Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”
11. *UNdikhoyo wathetha noMosis,
12-14. wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo.
15. Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.
16. “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.