Eyasentlango 36:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iinkulu zendlu yakwaGiliyadi unyana kaMakire umzukulwana kaManase unyana kaJosefu, zaya kuMosis enezinye iinkokheli.

2. Zafika zathi: “*UNdikhoyo wakuyalela ukuba amaSirayeli uwabele umhlaba *ngamaqashiso. Ngokunjalo wathi umhlaba womntakwethu uZelofehadi uze uwunike iintombi zakhe.

3. Kambe ke xa zithe zendela ndlwini yimbi, loo mhlaba wazo uwela kuloo ndlu; ngaloo ndlela ke umhlaba olilifa lethu utsho unciphe.

4. Ngonyaka wobuyiselo xa yonke imihlaba ebithengiwe ibuyiselwa kubanini bayo bamandulo, imihlaba yeentombi zikaZelofehadi ibuyela kwezo zindlu zendele kuzo; ngaloo ndlela ke uyancipha umhlaba olilifa lakowethu.”

5. Ngoko ke uMosis wathetha namaSirayeli, wawanika lo myalelo kaNdikhoyo uthi: “Le nto ithethwa ngamaManase yinyani.

6. Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Iintombi zikaZelofehadi zikhululekile ukuba zendele nakubani na, kodwa ke kube kwakule ndlu yakowazo.

10-11. Ke kaloku uMala, uTiza, uHogela, uMilika, noNoha, iintombi zikaZelofehadi, zenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis, zendela kwimizi yendlu yakowazo.

Eyasentlango 36