Eyasentlango 31:8-19 Ibhayibhile (XHO96)

8. kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.

9. AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo.

10. Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.

11. Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha

12. bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

13. UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi.

14. UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni.

15. Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi?

16. Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani.

17. Ngoko ke wabulaleni onke amakhwenkwe ngokunjalo nabafazi.

18. Ke wona amantombazana kunye neentombi zigcineleni.

19. Bonke ke kuni ababuleleyo nabathe bachukumisa izidumbu mabahlale ngaphandle komzi iintsuki zibe sixhenxe. Ngosuku lwesithathu nolwesixhenxe zihlambululeni ndawonye nâbo nibathimbileyo.

Eyasentlango 31