Eyasentlango 31:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2. “Phambi kokuba ungabikho amaSirayeli makaziphindezele kumaMidiyani ngenxa yento awayenzayo.”

3. Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo.

4. Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”

5. Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha.

6. UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi.

7. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda,

8. kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.

9. AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo.

10. Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.

11. Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha

12. bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

13. UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi.

14. UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni.

15. Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi?

16. Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani.

Eyasentlango 31