2. “Indoda xa ithe yenza isibhambathiso kuNdikhoyo, okanye xa ithe yenza isifungo sokuzibophelela, mayingasaphuli eso sifungo, koko mayikufezekise konke ekuthembisileyo.
3. “Ukuba intombi engekendi ithembisa ukunika uNdikhoyo into, okanye yafungela ukuzila into ethile,
4. mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa.
5. Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.
6. “Kambe ukuba intombi yenze isithembiso, iqonda okanye ingaqondi, mhlawumbi yafungela ukuzila into ethile, yaza ke kamva yenda,
7. ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile.
8. Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.
9. “Ke yena umhlolokazi okanye umfazi owahlukene nendoda yakhe, xa ethe wenza isithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.
10. “Ke ukuba umfazi owendileyo wenze isithembiso okanye isifungo,