3. Bona ke bathanjiswa bamiselwa baba ngababingeleli.
4. Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.
5. *UNdikhoyo wathi kuMosis:
6. “Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron.
7. AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.
8. Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.
9. Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.
10. UAron noonyana bakhe bamisele basebenze ezobubingeleli; nabani na ke ongomnye ophatha impahla yesibingelelo uya kubulawa.”
11. UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
14. Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis:
15. “Babale abaLevi ngokwezindlu nemizi yabo; ubhalise bonke abangamadoda, ukuqalela kubudala obuyinyanga enye nangaphezulu.”