Eyasentlango 3:22-34 Ibhayibhile (XHO96)

22. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu.

23. Le ke yona indlu yema ngasentshona, ngasemva *kwesibingelelo.

24. Inkulu yayo yanguEliyasafu, unyana kaLayeli.

25. Owabo ke umsebenzi yayikukujongana nesibingelelo, isigqubuthelo saso sangaphakathi nesangaphandle, umkhusane wesango legumbi eliphakathi,

26. nomkhusane wenkundla, ngokunjalo nomkhusane weqonga lamadini, kunye nomkhusane wesango lenkundla, neentsontelo, nako konke okunxulumene nezi zinto.

27. Indlu kaKohati ke yona imi ngemizi ka-Amram, uIzare, uHebron, noUziyeli.

28. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babesisibhozo samawaka namakulu amathandathu, bonke beququzelela esibingelelweni.

29. Le ke yona indlu yema kwicala langasezantsi lesibingelelo.

30. Inkulu yayo yayinguElizafan, unyana kaUziyeli.

31. Owabo umsebenzi yayikukujongana netyesi yomnqophiso, itafile, isiphatho-zibane, amaqonga, nezixhobo ezisetyenziswa ngababingeleli egumbini eliyingcwele, nomkhusane wokufihla igumbi eliyingcwele kangcwele. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

32. Intloko yabaLevi ke yayinguElazare unyana ka-Aron umbingeleli. Yena wayengumveleli kwabo basebenza esibingelelweni.

33. Ke yona indlu kaMerari imi ngemizi kaMali noMushi.

34. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini.

Eyasentlango 3