Eyasentlango 27:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kambe ke ukuba ayinabantakwayo nayisekazi, ilifa elo malinikwe nabani na osesona sizalwana sayo sisondeleyo. Eli siko ke amaSirayeli makalithobele njengomqathango ongundoqo, alenze njengoko ndikuyaleleyo mna Ndikhoyo.’ ”

12. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Nyuka uqabele intaba iAbharim, ulijonge ulibuke elo lizwe ndiza kulinika amaSirayeli.

13. Wakuba ulibonile ke, nawe uza kufa kwanjengoAron umntakwenu.

14. Kaloku nobabini nawuvukela umyalelo wam kwintlango iZin. Wathi uSirayeli akundikhalazela ngenxa yemeko yamanzi eMeribha nina nala ukusiphuhlisa isihomo samandla am phambi kwakhe.” (IMeribha ke ngumthombo oseKadeshe kwintlango iZin.)

15. Ke kaloku uMosis wathetha wenjenje:

16. “Ndikhoyo, Thixo wam, wena mthombo wobomi, nceda utyumbe indoda eya kulikhokela ibandla lakho,

17. enako ukungena iphuma ilikhokela, khon' ukuze usapho lwakho lungafani neegusha ezingenamalusi.”

18. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha uYoshuwa unyana kaNune, oyindoda endiyixhobise ngoMoya wam, ummisele ngokumbeka izandla.

19. Biza uSirayeli ephela, nombingeleli uElazare, uze uYoshuwa ummisele angene ezihlangwini zakho apho phambi kwabo.

20. Mahlulele amagunya akho, khon' ukuze ibandla lonke limthobele.

21. Ke yena uya kuxhomekeka kumbingeleli uElazare, kuba kaloku yena intando yam uya kuyaziswa *ziiurim neethumim. Ngale ndlela baya kubhexeshwa nguElazare kuyo yonke imicimbi yabo.”

22. Ke uMosis wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo. UYoshuwa wammisa phambi kombingeleli uElazare ndawonye nebandla loonyana bakaSirayeli.

23. Ngokunjalo uMosis wambeka izandla uYoshuwa, wammisela ukuba angene ezihlangwini zakhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.

Eyasentlango 27