1. AmaSirayeli athi xa ayemise kwintili yeShitim, asuka arheletya neentokazi zamaMowabhi.
2. AmaMowabhikazi amema amaSirayeli ukuba aye kwizidlo zamadini awayesenzelwa *izithixo zamaMowabhi. AmaSirayeli akutya oko kutya, amnqula
3. uBhali wasePehore. Ngoko ke *uNdikhoyo wavutha ngumsindo,
4. waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”
5. Ke kaloku uMosis wathi kwizikhulu zakwaSirayeli: “Ngamnye kuni makabulale amawabo azibandakanye noBhali wasePehore.”
6. Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo.
7. Uthe akuyibona le nto uPineyasi, unyana kaElazare, umzukulwana wombingeleli uAron, wee sululu, wemka apho kuloo ndibano, wathatha umkhonto,