17. Wabuyela kwakuBhalaki ke, waza wamfumana esemi ngakwelo dini litshiswayo ndawonye neenkokheli zamaMowabhi.UBhalaki ke wambuza wathi: “Utheni uNdikhoyo?”
18. Waza ke yena uBhalam wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Hoyina ke, Bhalaki, khawubaz' iindlebe;khawundiphulaphule, nyana kaZipore!
19. UThixo yena akamntu;akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.Akakufezekisi na akuthembisileyo?Akakuphumelelisi na akuthethileyo?
20. Nangoku ke kuthiwa mandithi jize ngentsikelelo;ethamsanqele nje yena, mna andinakulicima.
21. Akubonwa sikhwa kuYakobi;hayi, akubonwa shwangusha kwaSirayeli.UNdikhoyo uThixo wabo ungakubo;ewe, kuvakala intswahla kuba uKumkani uphakathi kwawo.
22. UThixo uwakhuphile eJiputa;iimpondo zakhe zibaze okwenyathi.
23. Nemilingo ingabuya nemband' esikhova kuYakobi;nabuqili nabugqwirha buza ze kuSirayeli.Yona ngundaba-mlonyeni ngoYakobi noSirayeli,kusithiwa: ‘Khawubone ke imisebenzi kaThixo!
24. Khawukhangele ke olu hlanga!Lucondoba njengemaz' engonyama;luvungama okwengwanyalal' engonyama.Aluphumli lungazenzang' iziqweng' utshaba,luze lulithi qongqololo igazi lamaxhoba!’ ”
25. UBhalaki wabhekisa kuBhalam wenjenje: “Xa usala ke ukuwaqalekisa la maSirayeli musa ukuwathamsanqela!”
26. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kanene ndikuxelele ukuba mna ndenza loo nto ndiyixelelwa nguNdikhoyo kuphela?”