Eyasentlango 23:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Waya naye kwintsimi kaZofim phezu kwentaba iPisga. Nalapho ke wenza amaqonga asixhenxe, waza wanikela ngenkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.

15. UBhalam wathi kuBhalaki: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiye kuhlangana naye qelele.”

16. *UNdikhoyo ke wadibana noBhalam, wathi: “Buyela kuBhalaki, uthethe naye wenjenje.”

17. Wabuyela kwakuBhalaki ke, waza wamfumana esemi ngakwelo dini litshiswayo ndawonye neenkokheli zamaMowabhi.UBhalaki ke wambuza wathi: “Utheni uNdikhoyo?”

18. Waza ke yena uBhalam wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Hoyina ke, Bhalaki, khawubaz' iindlebe;khawundiphulaphule, nyana kaZipore!

19. UThixo yena akamntu;akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.Akakufezekisi na akuthembisileyo?Akakuphumelelisi na akuthethileyo?

20. Nangoku ke kuthiwa mandithi jize ngentsikelelo;ethamsanqele nje yena, mna andinakulicima.

21. Akubonwa sikhwa kuYakobi;hayi, akubonwa shwangusha kwaSirayeli.UNdikhoyo uThixo wabo ungakubo;ewe, kuvakala intswahla kuba uKumkani uphakathi kwawo.

Eyasentlango 23