14. Waya naye kwintsimi kaZofim phezu kwentaba iPisga. Nalapho ke wenza amaqonga asixhenxe, waza wanikela ngenkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.
15. UBhalam wathi kuBhalaki: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiye kuhlangana naye qelele.”
16. *UNdikhoyo ke wadibana noBhalam, wathi: “Buyela kuBhalaki, uthethe naye wenjenje.”
17. Wabuyela kwakuBhalaki ke, waza wamfumana esemi ngakwelo dini litshiswayo ndawonye neenkokheli zamaMowabhi.UBhalaki ke wambuza wathi: “Utheni uNdikhoyo?”
18. Waza ke yena uBhalam wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Hoyina ke, Bhalaki, khawubaz' iindlebe;khawundiphulaphule, nyana kaZipore!
19. UThixo yena akamntu;akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.Akakufezekisi na akuthembisileyo?Akakuphumelelisi na akuthethileyo?