27. Kwesi ke isihlandlo idonki ithe yakusibona isithunywa eso yalala phantsi. UBhalam wacaphuka, waza wayingena ngenduku idonki yakhe.
28. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayenza ukuba ikwazi ukuthetha idonki leyo, yaza ke yathetha yathi kuBhalam: “Kodwa kodwa ndikwenze ntoni? Yintoni kanye ondibethela yona kwezi zihlandlo zozithathu?”
29. UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”
30. Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?”UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”
31. UNdikhoyo ke wenza ukuba uBhalam asibone isithunywa eso sixabe endleleni siphethe ikrele. Akusibona ke, waziphosa phantsi ngobuso.
32. Isithunywa sabuza sathi: “Ubuyibethela ntoni kangaka le donki yakho kude kube kathathu? Ndize kukunqanda, kuba uzifaka engozini ngolu hambo.