Eyasentlango 22:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ke yena waphendula wathi: “UBhalaki, ukumkani waseMowabhi, unyana kaZipore, uthumele kum, wathi:

11. ‘Kukho isizwe esifikileyo siphuma eJiputa. Ngoku sinwenwela kuwo wonke umhlaba. Yiza usiqalekise eso sizwe, khon' ukuze ndibe nako ukusoyisa ndisidudule simke.’ ”

12. UThixo wathi kuBhalam: “Uze ungahambi nala madoda; uze ungabaqalekisi abo bantu, kuba bathamsanqelekile.”

13. Ngengomso ke uBhalam wabandulula abathunywa bakaBhalaki, wathi: “Buyelani ezweni lenu, kuba uNdikhoyo akavumi ukuba ndihambe nani.”

14. Ngoko ke bagoduka, bafika bamxelela uBhalaki ukuba uBhalam walile ukuhamba nabo.

15. Ngoku ke uBhalaki waphinda wathumela iqela leenkokheli ezaziwayo elikhulu kuneliya.

16. Zaya kuBhalam, zafika zathi: “UBhalaki unyana kaZipore uthi mawuncede uye kuye, ungavumeli nasiphi na isithintelo,

17. kuba uza kukuhlawula, waye uzimisele ukukwenzela nayiphi na into oyifunayo. Ngoko ke nceda uye kuqalekisa abaya bantu.”

18. Kambe ke uBhalam waphendula wathi: “Noba uBhalaki ubeza kundinika ibhotwe lakhe lizele yigolide nesiliva bendingeze ndawaphula umyalelo kaNdikhoyo uThixo wam.

Eyasentlango 22