Eyasentlango 20:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Sasuka ke sazibika *kuNdikhoyo, waza ke yena wasabela, wathumela isithunywa sakhe, wasikhupha eJiputa. Ngoku ke naku silapha eKadeshe, idolophu esemideni yakho.

17. Sicela ukuba usivumele sinqumle kulo mhlaba wakho. Siyathembisa ukuba thina nemfuyo yethu siya kuhamba ngqo ngendlela, singaphambukeli emasimini nakwizidiliya zakho, singayi kukhe sisele nakumaqula akho. Ewe, siya kuthi ngqo ngohola, singaphambuki side siphume emhlabeni wakho.’ ”

18. Ke wona amaEdom aphendula athi: “Unotshe! Akuyi kucanda apha. Ukungena oku kwakho ndiya kuphuma ndikuhlasele.”

19. AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”

20. AmaEdom athi: “Anizukunqumla!” Aza ke amaEdom asuka nomkhosi omkhulu, afunza kumaSirayeli.

21. Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.

22. USirayeli ephela wanduluka ke eKadeshe, waza waya kugaleleka kwintaba iHore

23. kufutshane nomda wase-Edom. Apho ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noAron, wathi:

24. “Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.

25. Ngoko ke, wena Mosis, thatha uAron nonyana wakhe uElazare, uye nabo kwintaba iHore.

Eyasentlango 20