1. Kwathi ngenyanga yokuqala uSirayeli ephela wagaleleka kwintlango iZin, waza wamisa eKadeshe. Apho ke kulapho wafa waza wangcwatyelwa khona uMiriyam.
2. Ke kaloku kwakungekho manzi kuloo ndawo. Ngoko ke amaSirayeli aqokelelana kuMosis noAron,
3. alwa noMosis, athi: “Akwaba nathi sasife nabantakwethu phambi *kwesibingelelo *sikaNdikhoyo.
4. Ngani ukuba thina bantu bakaNdikhoyo nisizise kule ntlango? Benifuna size kufela apha ndawonye nemfuyo yethu?
5. Kakade, kwakutheni ukuze nisikhuphe eJiputa, nize kusifaka kwenje yona indawo, emhlaba ungavelisi nento le? Akukho ngqolowa namakhiwane, kungekho diliya narharnati; ke wona amanzi tu!”
6. UMosis noAron balishiya ibandla, baya kuma esangweni lesibingelelo. Baguqa phantsi, baza ke babubona ubungangamsha bukaNdikhoyo.