Eyasentlango 2:1-32 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:

2. “Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.

3-9. “Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600 AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400 AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400 Bebonke: 186 400 AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.

10-16. “Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaRubhen uElizure kaShedeyure 46 500 AbakwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi 59 300 AbakwaGadi uEliyasafu kaDuweli 45 650 Bebonke: 151 450 AbakwaRubhen ke baya kulandela.

17. “Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.

18-24. “Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaEfrayim uElishama ka-Amihudi 40 500 AbakwaManase uGamaliyeli kaPedazure 32 200 AbakwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni 35 400 Bebonke: 108 100 Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.

25-31. “Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaDan uAhizere ka-Amishadayi 62 700 Abakwa-Ashere uPagiyeli kaOkran 41 500 AbakwaNafetali uAhira kaEnan 53 400 Bebonke: 157 600 Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”

32. Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.

Eyasentlango 2