21. Lo mmiselo mawuthotyelwe nini nanini. Umntu otshiza ngamanzi okuhlambulula makazihlambe iimpahla zakhe. Kanti ke nabani na ochukumisa amanzi okuhlambulula, uhlala engahlambulukanga kude kuhlwe.
22. Nantoni na echukunyiswe ngumntu ogqwalisekileyo nayo iba njalo; futhi nabani na oyichukumisayo naye uhlala enjalo kude kuhlwe.”