Eyasentlango 19:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis noAron,

2. wabanika le miyalelo, wathi: “Ngokommiselo kaNdikhoyo amaSirayeli makeze nethokazi lenkomo elibomvu, elingenasiphako, elingazange libotshwe,

3. alinikezele kuElazare umbingeleli. Lothathwa ke likhutshelwe ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho loxhelelwa khona ekho.

4. UElazare ke uya kuthi nkxu umnwe egazini apho, aze atshize kasixhenxe ejongise kwisango lesibingelelo.

5. Xa iyonke ke loo nkomo, ufele nenyama, igazi namathumbu, mazitshiswe apho phambi kombingeleli ejongile njalo.

6. Ke yena uya kuthatha ukhuni lomsedare, ihlamvu lehisopu, nomtya obomvu, aziphose phezu kwelo thokazi litshiswayo.

7. Kamva ke makahlambe iimpahla zakhe, ngokunjalo nomzimba, aze ke abe nokubuyela emzini. Kambe ke uya kuhlala engekahlambuluki kude kuhlwe.

8. Naloo mntu ubetshisa le nkomo kufuneka ahlambe iimpahla nomzimba, kodwa naye akayi kuhlambuluka de kube ngorhatya.

Eyasentlango 19