7. Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”
8. *UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.
9. Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho.
10. Ezi zinto ze niqonde ukuba zingcwele, nizityele endaweni engcwele, zityiwe ngamadoda kuphela.
11. “Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.
14. “Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho.
15. Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo.
16. Amazibulo makahlawulelwe xa anenyanga enye ezelwe, kukhutshwe ixabiso eliziingqekembe zesiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
17. Kambe ke amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokhwe, wona akayi kuhlawulelwa. Wona ngakaNdikhoyo poqo; makenziwe idini. Igazi lazo makufefwe ngalo iqonga lamadini, amanqatha azo atshiswe abe lidini ngomlilo – dini elo livumba liyolileyo kuNdikhoyo.
18. Ke yona inyama yazo yoba yeyakho, njengencum nomlenze wasekunene kwidini eliwanga-wangiswayo.
19. “Yonke iminikelo eyodwa evela kumaSirayeli ndiyipha wena noonyana neentombi zakho zisisabelo senu esisisigxina. Lo ke ngumnqophiso ongasoze uthini endiwenza nawe nesizukulwana sakho.”
20. UNdikhoyo wathetha noAron, wathi: “Ke wena apha kwaSirayeli akuyi kuzuza sabelo sililifa lakho, ungayi kuzuza namhlaba. Kaloku esakho isabelo, ndawonye nelifa, ndim mna Ndikhoyo.”
21. *UNdikhoyo wathi: “Sonke isishumi esivela kumaSirayeli soba yinxaxheba yabaLevi ngenxa yoxanduva lokujonga *isibingelelo.