Eyasentlango 14:15-29 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngoko ke ukuba uyawatshabalalisa, ezi zizwe zivileyo ngodumo lwakho ziya kuthi

16. aba bantu bakho ubatshabalalisele kule ntlango kuba woyisiwe kukubasa kwelo lizwe wawubathembise ngalo ngesifungo.

17. Ndiyakubongoza ke ngoko, Mhlekazi, ukuba ukhe uphuhlise amandla akho ngokwelizwi lakho elithi:

18. ‘Mna Ndikhoyo andicaphuki msinya, koko ndiyimvuze-mvuze ngothando; futhi ndiyabaxolela abonayo nabakreqi. Kambe ke andibuyi ngamva ekubohlwayeni abanetyala. Ngenxa yesono sabazali abantwana ndibohlwaya ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.’

19. Ngoko ke, camagu, lala ngenxeba, Mhlekazi! Khawenze ngokwezibele zothando lwakho olungaphele ndawo, ubuxolele ubugwenxa baba bantu. Njengoko wasoloko umana ubaxolela oko semkayo eJiputa, nakalokunje, Mhlekazi, makube chosi, kube hele!”

20. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi ke, ndiyabaxolela ngokwesicelo sakho.

21. Kodwa ke ngenene ndiyafunga, ndikho nje, obam ubungangamsha buzalise ihlabathi jikelele.

22. Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela.

23. Soze athi cakatha kwelo lizwe ndathembisa ngalo ooyise ngesifungo. Soze bangene kulo bonke abandidelayo.

24. “Kambe sona isicaka sam uKalebhi akafani nabo. Yena waba soloko endithobela, ngoko ke yena ndiya kumngenisa kwelo lizwe walibonayo, yena nesizukulwana sakhe.

25. Njengoko loo mhlaba untili zawo zimiwe ngama-Amaleki namaKanana ngoku, jikani ngomso, nihambe niye entlango ngecala loLwandle oluBomvu.”

26. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:

27. “Kanti koda kube nini ezi zikhohlakali zabantu zindikrokrela? Hayi, ndanele zizikrokro zabo!

28. Ngoko ke baxeleleni ukuba ndithi: ‘Ngenene, ndingophilayo nje, ndiyafunga, ndiza kunenzela kanye le nto niyithethileyo. Nditsho mna Ndikhoyo.

29. Niza kufa, zaye ke izidumbu zenu ziya kuqungquluza kule ntlango. Kaloku niyandikhalazela, ngoko ke bonke ababudala bungaphezu kwamashumi amabini soze bangene kwelo lizwe.

Eyasentlango 14