1. *UNdikhoyo wayalela uMosis
2. ukuba akhethe inkokheli ibe nye kwindlu nganye kwezo zilishumi elinambini, azithumele zibe ziintlola, ziye kuhlola ilizwe laseKanana awayelinika amaSirayeli.
16. Ezi ke ziintlola ezathunyelwa nguMosis ukuba ziye kuhlola elaseKanana. Ke yena uHosheya, unyana kaNune, uMosis wamnika igama elinguYoshuwa.
17. Ke kaloku ukuzindulula kwakhe uMosis wathi: “Phumani ninyuke nilingene eMazantsi ilizwe laseKanana, nize niye kufikelela kweleentaba.
18. Maze nilijonge ukuba uluhlobo luni na umhlaba walo; bungakanani na ubuninzi babantu balo; ngaba ngamakroti okanye amagwala?
19. Ze niqondisise ukuba lilizwe elinjani na: lihle na noba hayi? Khona abantu balo balime kanjani: ziidolophu eziphangaleleyo, okanye zizixeko ezikhuselweyo?
20. Ze nilijonge ukuba ngaba lelendyebo, indlala, sini na; niqondisise noba ngaba linemithi na. Ze nibuye niphethe iziqhamo zakhona.” Ixesha lonyaka ezahamba ngalo yayilelokuvuthwa kweediliya.
21. Loo madoda ke aphuma enyuka alijonga eqalela kwintlango iZin, aya kuqhina ngeRehobhi kwinkalo yeHamati.
22. Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.)
23. Iintlola ezo ke zaya kufikelela nakwintili ye-Eshkoli. Apha ke zakha isebe lomdiliya elalinesihlahla esinye seediliya. Labekwa esibondeni, laxwaywa ngamadoda amabini. Ngokunjalo zakha zaphatha neerharnati namakhiwane. (
24. Le ntili ke yathiywa igama elithi intili ye-Eshkoli ngenxa yeso sikhinkci seediliya iintlola ezo zasikhayo apho kuyo.)
25. Ezi ntlola ke zathatha amashumi amane eentsuku ziligocagoca elo lizwe, zaza ke zagoduka zaya