Eyasentlango 11:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Imana leyo ke ibilingana nembewu yekoriyanda, imhlotshana oku kwentlaka.

10. UMosis weva imizi ngemizi yamaSirayeli ikhalaza. Wev' intw' embi, kuba umsindo *kaNdikhoyo wasuka wavutha.

11. Wabhekisa kuNdikhoyo wathi: “Ngani ukuba undiphathe kanje, Mhlekazi? Undiqumbele ngani? Kwakutheni ukuze undinike aba bantu baluxanduva olunje?

12. Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu?

13. Kodwa kodwa ndingayizuza phi inyama, ukuze ndiphe bonke aba bantu? Kuba nâbo besoloko bebhomboloza, besithi mandibaphe inyama.

14. Hayi bo! Andinako ukuwuthwala ndedwa lo mthwalo ungaba bantu; ungaphezu kwam!

15. Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”

16. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe.

17. Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa.

18. Ke bona aba bantu yithi kubo: ‘Hlambulukani, kuba ngomso niya kuyitya inyama. Kaloku uNdikhoyo usivile isililokazi senu, nisithi nikhanuka inyama, akwaba beniseseJiputa. Ngoku ke uNdikhoyo uza kuninika loo nyama, yaye ke niza kuyitya.

19. Ewe, anizukuyitya nje usuku olunye nezimbini, mhlawumbi ezimbalwa;

20. hayi, niya kuyitya inyanga yonke, ide iphume ngeempumlo, nidikwe ide ibe lizothe kuni. Kaloku nimbukule uNdikhoyo ekho, elapha phakathi kwenu; nibhomboloza nisithi: “Akwaba sasingemkanga eJiputa!” ’ ”

Eyasentlango 11