Eyasentlango 11:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela *uNdikhoyo ngenxa yobunzima ayebuva. Uthe akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka, wawathumela ngomlilo. Ke wona wadangazela wayitshabalalisa inxalenye yamaphethelo ekampu yamaSirayeli.

2. Ke wona abhenela kuMosis, acela uncedo. Yena ke wabongoza uNdikhoyo ngenxa yawo, waza ke umlilo lowo wadamba.

3. Ngenxa yaloo mlilo ke wathunyelwa nguNdikhoyo, amaSirayeli athi igama laloo ndawo yiTabhera.

4. Ke kaloku phakathi kwamaSirayeli kwakukho ingxubevange yabantu. Bona ke basuka bangenelwa kukurhala, aza namaSirayeli angenelela, akhalaza athi: “Awu, akwaba besinokukhe sifumane inyama!

5. Khawufan' ucinge; kaloku eJiputa intlanzi sasiyitya side siyishiye, singayithenganga nokuyithenga. Awu, yeka loo nkonkomire, naloo vatala, nelo hanyanisi, nelo tswele, nezo kinofile sasizixhaphaza!

6. Uyabona ke ngoku seside sakruquka; ibe ke akukho nakutya ngaphandle kwale mana.”

Eyasentlango 11