7. Kodwa ke xa kufuneka uSirayeli ephela ahlangane, ixilongo liya kutsho ngomtyangampo.
8. “Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.
9. “Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba.
10. Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
11. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.
12. AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13. Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.
14. Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.
15. Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;
16. waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17. Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18. Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure.