Eyasentlango 10:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.

12. AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.

13. Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.

14. Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.

15. Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;

16. waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.

17. Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.

Eyasentlango 10