10. Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
11. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.
12. AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13. Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.
14. Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.
15. Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;
16. waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17. Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18. Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure.
19. Abendlu kaSimon bona bakhokelwa nguShelumiyeli, unyana kaZurishadayi;
20. baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.
21. Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.
22. Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi.