1. *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi:
2. “Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe.
3. Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo.
4. Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa.
5. Xa ufuna kunduluke izindlu ezikwicala lasempuma, uze ulivuthele litsho ngezinqam.
6. Xa uziphinda ezo zinqam zexilongo, kuya kunduluka izindlu ezikwicala langezantsi. Ngoko ke xa ixilongo lisitsho ngeziqwenga zezinqam, loba lisithi makundulukwe.