Eyasentlango 10:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi:

2. “Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe.

3. Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo.

4. Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa.

Eyasentlango 10