1. *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi:
2. “Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe.
3. Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo.
4. Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa.
5. Xa ufuna kunduluke izindlu ezikwicala lasempuma, uze ulivuthele litsho ngezinqam.
6. Xa uziphinda ezo zinqam zexilongo, kuya kunduluka izindlu ezikwicala langezantsi. Ngoko ke xa ixilongo lisitsho ngeziqwenga zezinqam, loba lisithi makundulukwe.
7. Kodwa ke xa kufuneka uSirayeli ephela ahlangane, ixilongo liya kutsho ngomtyangampo.
8. “Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.
9. “Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba.
10. Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
11. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.