Eyasentlango 1:49-54 Ibhayibhile (XHO96)

5-15. Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi: Indlu Inkulu KwaRubhen uElizure kaShedeyure KwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi KwaJuda uNashon ka-Aminadabhi KwaIsakare uNataniyeli kaZuware KwaZebhulon uEliyabhi kaHelon KwaEfrayim (kaJosefu) uElishama ka-Amihudi KwaManase (kaJosefu) uGamaliyeli kaPedazure KwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni KwaDan uAhiyezere ka-Amishadayi Kwa-Ashere uPagiyeli kaOkran KwaGadi uEliyasafu kaDuweli KwaNafetali uAhira kaEnan

49. “Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.

50. Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.

51. Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.

52. Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.

53. Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”

54. Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

Eyasentlango 1