4. Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”
5-15. Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi: Indlu Inkulu KwaRubhen uElizure kaShedeyure KwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi KwaJuda uNashon ka-Aminadabhi KwaIsakare uNataniyeli kaZuware KwaZebhulon uEliyabhi kaHelon KwaEfrayim (kaJosefu) uElishama ka-Amihudi KwaManase (kaJosefu) uGamaliyeli kaPedazure KwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni KwaDan uAhiyezere ka-Amishadayi Kwa-Ashere uPagiyeli kaOkran KwaGadi uEliyasafu kaDuweli KwaNafetali uAhira kaEnan
16. Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.
17. UMosis noAron ke benala madoda
18. bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu
19. ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi.
47. Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe,
48. kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi:
49. “Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.
50. Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.