1. Ngoku makhe ndibhekise kwabo bemi kakuhle, izityebi. Hlahlambani ningqukruleke ngenxa yeenzingo ezinizelayo!
2. Kaloku ubutyebi benu buyangunda, neempahla zenu zityiwa ngamanundu.
3. Igolide nesiliva yenu idliwa ngumhlwa. Ngulo mhlwa ke kanye obubungqina obunilahlayo, kuba uya kuyisuba njengomlilo inyama yenu. Kaloku nina nizifumbela ubutyebi ngoku sikwimihla yokugqibela.
4. Abasebenzi abalima amasimi enu anibahlawuli. Khanisive isikhalo sabo! Ewe, isililo sabavuni seside savakala nakuThixo, iNkosi uSomandla.
5. Kaloku obenu ubomi apha emhlabeni bubunewu-newu nobumnandi. Ewe, nizondle natyeba, kanti nizilungiselela umhla womgwebo.
6. Nimgwebile nambulala umntu ongenatyala. Kanti noko akaxhathisi.
7. Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla.
8. Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.
9. Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango.
10. Nanku ke umzekelo, mawethu: ndixela *abashumayeli bamandulo, abo babethetha egameni leNkosi. Bona mababe ngumzekelo wenu wokunyamezela ngomonde naxa kunzima.
11. Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.
12. Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.