Ekayakobi 2:13-26 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.

14. Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?

15. Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba.

16. Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo?

17. Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.

18. Ewe, ningatsho ukuthi omnye umntu unako ukuba nokholo, kanti nomnye unako ukwenza imisebenzi ethile. Kodwa ke mna ndithi ukuphendula: Khawundibonise ukuba ngaba lufezekile na olo kholo wena uthetha ngalo lungenamisebenzi lubonakala ngayo. Mna ndokubonisa ngemisebenzi ukholo endinalo.

19. Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

20. Akuqondi ke kodwa, sidengendini, ukuba ukholo olungangqinelwa zizenzo luphunzile?

21. Akuqondi na ukuba uAbraham ubawo wenziwa waba lilungisa nguThixo ngenxa yesenzo sokunikela uIsake unyana wakhe ukuba abe lidini?

22. Akuboni ukuba ngokwenjenjalo oku wayeqhutywa lukholo? Akuqondi ukuba ngesi senzo wangqina ukunyaniseka kokholo awayenalo?

23. Esi senzo sazalisekisa amazwi *eziBhalo athi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yokholo wenziwa ilungisa.” Kwenye indawo ubizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo.

24. Ùyaqonda ke ukuba umntu uba lilungisa ngenxa yezenzo kungekuko ngokholo lodwa?

25. Nehenyukazi uRahabhi, andithi kanene naye waba lilungisa ngenxa yesenzo sakhe sokwamkela iintlola, wazizimelisa zasaba ngandlela yimbi?

26. Njengoko ufile umzimba xa umphefumlo uphumile, ngokunjalo nokholo olungangqinelwa zizenzo lufana nesidumbu, lufile.

Ekayakobi 2