Ekayakobi 1:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo.

3. Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

4. Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto.

5. Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

6. Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

7. Umntu onjalo ke makangalindeli kwenzelwa nto yiNkosi.

8. Kaloku umntu ongqondo ilala neli, ivuke neli, akaze abe nazigqibo nganto.

9. Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo.

10. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.

11. Yona ithi lakuvela ilanga liyigqatse, ibune, kuphele nokubukeka kwayo. Nesinhanha siya kutshabalala naso ngoku kanye sisaxakeke yimicimbi yaso.

12. Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

Ekayakobi 1