Ekayakobi 1:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.

11. Yona ithi lakuvela ilanga liyigqatse, ibune, kuphele nokubukeka kwayo. Nesinhanha siya kutshabalala naso ngoku kanye sisaxakeke yimicimbi yaso.

12. Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

13. Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

14. Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa.

15. Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.

16. Musan' ukuphazama, mawethu!

17. Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.

18. Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

19. Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

Ekayakobi 1