4. Kaloku abantu abathile banyebeleze bangena ebandleni. Aba bantu bâphawulelwa intshabalalo kwantlandlolo *ziziBhalo. Bona baziintshaba zonqulo. Andithi kaloku bayasigqwetha isisa soThixo wethu, khon' ukuze bafumane ithuba lokurheletya! Ngokunjalo ke bayamchasa uMhlekazi, uYesu Krestu iNkosi yethu.
5. Nakuba niyazi nje le ndawo, ndifuna ukukhe ndinikhumbuze ngayo. Kaloku iNkosi yawahlangula amaSirayeli eJiputa, kodwa kamva yabatshabalalisa abo bathi baveza intswela-mbeko nokuqhankqalaza.
6. Khanikhumbule ngezithunywa zezulu. Kaloku inxalenye yazo zange yaneliseke zizikhundla zayo, yaza kananjalo yakreqa ekhayeni layo. Kungoku nje uThixo uzigcinele umhla omkhulu womgwebo. Ngoku zisesithokothokweni senzonzobila apho ziqanyangelwe ngamatyathanga angasoze akhululeke.
7. Kwakhona khumbulani ngeSodom neGomora nabamelwane bazo. Kaloku abantu bezi dolophu nabo babefana nezi zithunywa. Ewe, babephala phambili ekurheletyeni, bade bakhanukane ngokunxamnye nemvelo. Nabo abo ke basisilumkiso, kuba bawuzuza umvuzo wabo – umlilo ongacimiyo.
8. Kwangokunjalo ke naba banamaphupha, bangcolisa imizimba yabo, abakufuni ukulawulwa, futhi bayazingcikiva izithwala-ndwe zaphezulu.
9. Aba bantu benza into engazange yenziwe nayinqununu yezithunywa uMikayeli. Kaloku xa babebangisana nomtyholi ngomzimba kaMosis, uMikayeli zange amenze isigculelo amgwebe, koko wathi: “Yanga ingakukhalimela iNkosi.”
10. Kodwa bona aba bantu bayazingcikiva izinto abangaziqondiyo. Kambe ke zona izinto ábazazi ngemvelo, oku kwezilwanyana, zezona zikukufa kwabo.
11. Yini le, bagabadele! Basekhondweni likaKayen. Bazintywilisele esonweni, khon' ukuze bazuze imali njengoBhalam. KwanjengoKora owayengafuni ukulawulwa, nabo bayagwayimba. Ngoko ke baya kutshabalala njengaye.
12. Aba bantu bayazixabhela izidlo zenu. Kaloku bangena kuzo beziindlobongela zeendlavini, ezingakhathalele mntu ngaphandle kweziqu zazo. Bafana neengqimba zamafu aphehluzeliswa ngumoya, engezi nayo namvula. Bayimithi engathwali ziqhamo nasekwindla. Bafana nemithi enqukrulwe neengcambu yaza yatshabalala.
13. Aba bantu bafana namaza alatyuzayo elwandle; ibe ke zona izenzo zabo ziyafumba njengogwebu. Bafana neenkwenkwezi ezibhadulayo, ziwuphosile umendo wazo. UThixo ubalungiselela indawo esithokothokweni senzonzobila.
14. Kambe ke uInoki, owesixhenxe kwisizukulwana sika-Adam, wathetha kwantlandlolo ngaba bantu, wathi: “Khawukhangele! INkosi iyeza ikunye namawaka-waka ezithunywa zayo ezingcwele.
15. Iza kugweba isingele phantsi bonke abantu abangamkhathalelanga uThixo. Aba bantu iza kubagweba ngenxa yezinto ezimanyumnyezi abazenzileyo; ngokunjalo nangenxa yezenyeliso abazithethileyo bengcikiva uThixo.”
16. Aba bantu into abayaziyo kukukhalaza besola. Barhorhozela emva kweminqweno yabo egwenxa. Ngamabhongo abo baqhayisa baqhathe abantu, khon' ukuze babaxhaphaze.
17. Kodwa ke, zihlobo zam, akulahlwa mbeleko ngakufelwa! Ngoko ke wakhumbuleni amazwi enawaxelelwa ngabathunywa beNkosi yethu uYesu Krestu.
18. Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.”
19. Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.