Ekajuda 1:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kodwa bona aba bantu bayazingcikiva izinto abangaziqondiyo. Kambe ke zona izinto ábazazi ngemvelo, oku kwezilwanyana, zezona zikukufa kwabo.

11. Yini le, bagabadele! Basekhondweni likaKayen. Bazintywilisele esonweni, khon' ukuze bazuze imali njengoBhalam. KwanjengoKora owayengafuni ukulawulwa, nabo bayagwayimba. Ngoko ke baya kutshabalala njengaye.

12. Aba bantu bayazixabhela izidlo zenu. Kaloku bangena kuzo beziindlobongela zeendlavini, ezingakhathalele mntu ngaphandle kweziqu zazo. Bafana neengqimba zamafu aphehluzeliswa ngumoya, engezi nayo namvula. Bayimithi engathwali ziqhamo nasekwindla. Bafana nemithi enqukrulwe neengcambu yaza yatshabalala.

13. Aba bantu bafana namaza alatyuzayo elwandle; ibe ke zona izenzo zabo ziyafumba njengogwebu. Bafana neenkwenkwezi ezibhadulayo, ziwuphosile umendo wazo. UThixo ubalungiselela indawo esithokothokweni senzonzobila.

14. Kambe ke uInoki, owesixhenxe kwisizukulwana sika-Adam, wathetha kwantlandlolo ngaba bantu, wathi: “Khawukhangele! INkosi iyeza ikunye namawaka-waka ezithunywa zayo ezingcwele.

15. Iza kugweba isingele phantsi bonke abantu abangamkhathalelanga uThixo. Aba bantu iza kubagweba ngenxa yezinto ezimanyumnyezi abazenzileyo; ngokunjalo nangenxa yezenyeliso abazithethileyo bengcikiva uThixo.”

16. Aba bantu into abayaziyo kukukhalaza besola. Barhorhozela emva kweminqweno yabo egwenxa. Ngamabhongo abo baqhayisa baqhathe abantu, khon' ukuze babaxhaphaze.

17. Kodwa ke, zihlobo zam, akulahlwa mbeleko ngakufelwa! Ngoko ke wakhumbuleni amazwi enawaxelelwa ngabathunywa beNkosi yethu uYesu Krestu.

18. Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.”

19. Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.

20. Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

21. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.

22. Velanani nabo abathandabuzayo;

23. abanye nibarhiwule ngathi nibakhupha emlilweni, nibasindise. Kwabanye inceba yenu yixubeni noloyiko. Kaloku kufuneka nithiye kwanempahla le yomntu odyojwe kukungcola kwesimo sakhe esonakeleyo.

24. Ke kaloku, kulowo unako ukunigcina ningawi, aze animise ebuqaqawulini bakhe ningenabala, nichulumacha,

25. ewe, kuThixo okukuphela kwakhe, uMsindisi wethu ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu, makubekho isidima nobungangamsha, amandla namagunya, kusukela ephakadeni, nanamhlanje, nanini-nanini na! *Amen!

Ekajuda 1