2 Yookumkani 8:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wayeneminyaka emashumi mathathu anambini ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.

18. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

19. Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

20. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.

2 Yookumkani 8