1. Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani.
2. Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”Ke uElisha wavuma, wathi: “Yiyani.”
3. Omnye wabashumayeli wathi: “Awungehambi nazo na izicaka zakho, nkosi yam?”UElisha wathi: “Nam ndiyaya.”
4. Waza wahamba nabo. Baya ke eJordan, baza bagawula imithi khona.