9. Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo.
10. Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”
11. Efikile ke ngenye imini uElisha, wangena apho kwelo gumbi lakhe, wangqengqa.
12. Wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Khawubize lo mfazi womShunem eze apha.”Wambiza ke, waza wafika wema phambi kwakhe.
13. UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ”Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”
14. UElisha wathi: “Ngaba angenzelwa ntoni na?”UGehazi wathi: “Ngathi akananyana, ibe ke nendoda yakhe seyikhulile.”
15. UElisha wathi: “Mbize.”Ngoko ke wambiza, waza wafika wema emnyango.