41. Ke uElisha wathi: “Ndiziseleni umgubo wengqolowa.” Wawuthatha ke, wawugalela apho embizeni, wathi: “Phakelani abantu batye.” Bakutya ke ukutya oko kungenasikhwa.
42. Ke kaloku kwafika umfo othile, evela eBhali-shalisha, ezisele umfo wakwaThixo izonka ezinerhasi ezimashumi mabini. Zazenziwe ngolibo lwerhasi. Kananjalo wayephethe nezikhwebu zolibo olo. UElisha wathi kuye: “Yipha abantu batye.”
43. Kambe ke saphendula isicaka sathi: “Ndingathini ukubeka intwana engaka phambi kwabantu abalikhulu?”Kodwa ke uElisha wathi: “Yipha abantu batye. Kaloku *uNdikhoyo uthi: ‘Baya kutya bade bakushiye.’ ”
44. Wakuthatha ke wakunika abantu, baza batya bada bakushiya, ngokomlomo kaNdikhoyo.