21. Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.
22. Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”
23. Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”
24. Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.”
25. Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza!
26. Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.