2 Yookumkani 4:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”

2. UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda kanjani ke? Khawutsho, unantoni endlwini yakho?”Ke yena wathi: “Akukho nto sinayo isicakazana sakho esi ngaphandle kwengqayana yamafutha omnquma.”

3. UElisha wathi: “Khawuhamba-hambe ujikeleze ebumelwaneni, ufune iingqayi ezingenanto, zingabi mbalwa, koko zibe ninzi.

4. Wakuba uzifumene ke, ngena endlwini yakho noonyana bakho, nizivalele khona. Uze ke ugalele amafutha lawo kwezo ngqayi zonke. Yakuzala enye yibeke bucala.”

5. Bahlukana ke, waza wazivalela noonyana bakhe apho endlwini. Bazizisa kuye iingqayi, waza ke yena wamana ezizalisa ngamafutha omnquma.

6. Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.”Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.

2 Yookumkani 4