9. Waphuma ke ngoko ukumkani wakwaSirayeli, enokumkani wakwaJuda nowase-Edom. Emva kwendlela ejikelezayo yeentsuku ezisixhenxe umkhosi lowo waphelelwa ngamanzi, akwabikho nala emfuyo.
10. Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”
11. UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”
12. UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.