2 Yookumkani 3:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?”Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”

8. Waza ke wathi: “Sovela ngaliphi na icala xa sibahlaselayo?”UYoram waphendula ngelithi: “Ngentlango yase-Edom.”

9. Waphuma ke ngoko ukumkani wakwaSirayeli, enokumkani wakwaJuda nowase-Edom. Emva kwendlela ejikelezayo yeentsuku ezisixhenxe umkhosi lowo waphelelwa ngamanzi, akwabikho nala emfuyo.

10. Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”

11. UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”

12. UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.

13. Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!”Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”

14. Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi.

15. Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.”Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo,

16. waza wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Yenzani imisele kule ntili.’

17. Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’

2 Yookumkani 3