3. Kambe ke naye wabambelela kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wayemlukuhlele kuzo uSirayeli; ewe, naye akashenxanga kuzo.
4. Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka.
5. Kambe ke akuba engasekho ukumkani uAhabhi, ukumkani waseMowabhi wamgwilikela ukumkani wakwaSirayeli.
6. Ngoko ke ngelo thuba ukumkani uYoram waphuma eSamariya, wayiqokelela yonke imikhosi kaSirayeli.
7. Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?”Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”
8. Waza ke wathi: “Sovela ngaliphi na icala xa sibahlaselayo?”UYoram waphendula ngelithi: “Ngentlango yase-Edom.”