10. Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”
11. UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”
12. UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.
13. Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!”Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”
14. Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi.
15. Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.”Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo,
16. waza wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Yenzani imisele kule ntili.’
17. Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’
18. Leyo ke yinto elula kuNdikhoyo; noMowabhi lowo womnikela esandleni senu.
19. Zonke izixeko ezinqatyisiweyo kunye nezo zizezona zibalulekileyo niya kuzoyisa. Yonke imithi emihle niya kuyigawula, niyivingce yonke imithombo, namasimi endyebo onke niwonakalise ngamatye.”
20. Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.
21. Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni.
22. Ukuvuka kwawo kusasa ilanga lalikhazimla emanzini. Ke kaloku ngaphesheya phaya kumaMowabhi amanzi lawo asuka angathi abomvu njengegazi.