2 Yookumkani 25:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke kaloku kwathi ngomhla wesixhenxe wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli yagaleleka eJerusalem.

9. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izakhiwo zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

10. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem.

11. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abantu ababesekhona apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebewelele ngakumaBhabheli.

12. Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abantu abahleleleke kakhulu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

13. AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu kwakunye neenqwelo, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.

14. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

15. Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha neepani zesiqhumiso, kunye nezitya zokufefa, nayo yonke into eyayenziwe ngegolide okanye isiliva.

16. Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi.

17. Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, intloko elubhedu iyimitha enesithathu ukuphakama. Intloko nganye yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho zinomnatha zinjalo.

18. Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu.

19. Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha umphathi womkhosi kunye nesihlanu sabacebisi basebhotwe. Yamthatha nonobhala owayeligosa eliyintloko elihlela abomkhosi, kunye namahlakani akhe angamashumi amathandathu, bantu abo babeselapho esixekweni.

20. Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela.

2 Yookumkani 25