2 Yookumkani 25:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Wamisa ngaphandle kwesixeko, wasingqinga ngokusakhela udonga.

2. Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.

3. Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala ibhokile apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya.

4. Ke kaloku wonke umkhosi watyhoboza apho eludongeni ngobusuku, wasaba uphuma ngesango eliphakathi kwezo ndonga zimbini ngakumyezo kakumkani, nakuba wona amaKaledi ayesingqingile isixeko. Wabalekela ngakwintili yeJordan.

5. Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wambamba uZedekiya nomkhosi wakhe xa asezinkqantosini zaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka,

6. waza yena wathinjwa. Wathathwa wasiwa eRibhela kukumkani waseBhabheli, apho wagwetywa khona.

7. Oonyana bakhe uZedekiya babulawa ekhangele. Yena uZedekiya bamtyhaphaza amehlo, baza bamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, baya naye eBhabheli.

8. Ke kaloku kwathi ngomhla wesixhenxe wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli yagaleleka eJerusalem.

9. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izakhiwo zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

10. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem.

2 Yookumkani 25